ULwazi ngokuPhathwa kweNkqubo yesiKhalazo
Ukhalaza njani?
Okokuqala, umxumi kufuneka akhalaze kumniki nkonzo. Ukuba ngaba umxumi akoneliswanga yindlela isikhalazo esiphethwe ngayo, okanye isiphumo sesikhalazo, banokusibhekisela isikhalazo sabo kwiCandelo eliLawula ukuThumela iPosi ..
Amabakala esikhalazo iBakala loku-1
Faka isikhalazo kuMphathi weSebe okanye qhagamshelana neziko loqhagamshelwano lomxhasi ku-086 011 1502.
Kufuneka ufumane uhlaziyo kwiintsuku ezintlanu
Ukuba ngaba isikhalazo sakho asisonjululwanga kwiintsuku ezingama-21 okanye awonwabanga ngendlela esisonjululwe ngayo ibakala lesi-2 liyasebenza iBakala lesi-2
Dlulisela isikhalazo kwi-Ofisi yeCandelo eliLawula ukuThumela iPosi, nawo onke amaxwebhu.
KwiSebe lezoNxibelelwano
INombolo yomNxeba 012 427 8000, iFeksi: 012 427 8536/7
Abaxhasi bezokuPosa banokuzifaka izikhalazo zabo ngomnxeba, ifeksi, ileta okanye i-imeyile.
Ukuze isikhalazo silungiswe kakuhle liCandelo eliLawula ukuThumela iPosi, umfaki sikhalazo uyacelwa ukuba asinike olu lwazi lulandelayo
IiNkcukacha zobuQu
IGama
IFani
IDilesi yePosi
IiNombolo zomNxeba zoQhagamshelwano
Yintoni ingxaki
Yenzeke nini?
Kweyiphi iposi okanye inkampani ehambisa i-courier?
Ngubani othethe naye eposini?
Ukuba ngaba sisikhalazo sento ekunokulandelwa umzila wayo okanye yerejista, nceda usinike inombolo yento ekunokulandelwa umzila wayo okanye yerejista.
ICandelo eliLawula ukuThumela iPosi lijolise ekongezeni ixabiso kwaye liququzelele ulungiselelo lwenkonzo ethembekileyo, engafihliyo kwaye enobuchule kubo bonke abaxhasi bayo.
ULawulo lobulungisa lweCandelo eliLawula ukuThumela iPosi
NgokomThetho weNkonzo yokuThumela oyiNombolo ye-124 ka-1998, iCandelo eliLawula ukuThumela iPosi linokusebenza kuphela ngezikhalazo eziphathelene noku kulandelayo:
Iileta ezilahlekileyo
Ukwebiwa kweposi
Imbuyekezo
Inkonzo ebuthathaka yabaxhasi. Ngokumisela imigangatho yokhathalelo yabaxhasi esezantsi kunye neNkqubo yezikhalazo yomxhasi.
Ukususwa nokuvalwa kweposi. Ngokumisela ukungqinelana kwizakhiwo zeposi ukusuka kwezo ndawo kusetyenzwa kuzo kakhulu ukuya kwezo ndawo kungasetyenzwa kuzo kakhulu.
Uhanjiso ezitalatweni. Ngokuqinisekisa ukuba umzi ngamnye umasipala awunike inombolo uhanjiselwa esitalatweni.
Iintlawulo zeebhokisi zeposi. Ukuqinisekisa ukuba iibhokisi zeposi ezithathwa ngokuba ziidilesi zokuqala ngumntu osebenza oko azihlawulelwa
Ixabiso eliphezulu. Ngokuqinisekisa ukuba ixabiso layo nayiphi na inkonzo esisiseko liyafikeleleka, liyafana.
Usifaka njani isikhalazo? Ngokumisela inkqubo yendlela yokuphathwa kwezikhalazo zomxhasi
Uhanjiso lwasemva kwexesha. Ngokumisela isininzi senani leentsuku iileta ekufuneka zizithathe phambi kokuba zifike kumntu ezithunyelwe kuye.
Ngaphandle kolawulo lobulungisa lweCandelo eliLawula ukuThumela iPosi
ICandelo eliLawula ukuThumela iPosi alinalo naluphi na ulawulo lobulungisa kwimiba ephathelene noku kulandelayo:
Iipasile ezinobunzima obungaphezulu kwama-30kg kunye nentlawulelo yothutho.
Ukuhanjiswa kwamaphepha-ndaba kunye neemagazini.
Iposi engenadilesi.
IBhanki yasePosini.
Ukuhanjiswa kweposi ngumsebenzi womthumeli.
Iileta ezithunyelwa ngumntu oyedwa ongekho kwishishini lokuhanjiswa kweeeleta
Ayintoni amalungelo omxhasi
Kukuba abe nofikelelo kwinkonzo esisiseko yeeleta.
Ilungelo kwinkonzo enobulunga nefikelelekayo.
Inkonzo yeposi ethembekileyo nehamba ngexesha.
Ukuba khona kwezibonelelo zabantu abakhubazekileyo.
Ilungelo lokukhalaza.
YINTONI ICANDELO ELILAWULA UKUTHUMELA IPOSI
ICandelo eliLawula ukuThumela iPosi licandelwana kwiSebe lezoNxibelelwano. ICandelo eliLawula ukuThumela iPosi lasekwa ngokwemigqaliselo yecandelo lesi-3 lomThetho wezokuThumela oyiNombolo ye-124 ka-1998. Injongo yokulawula ishishini lokuthumela kukuqinisekisa ukuba ummi ngamnye unofikelelo kwiinkonzo zokuthumela ezifikelelekayo nezinobulunga
ICandelo eliLawula ukuThumela iPosi liyakuqinisekisa ukuba iinkonzo zokuthumela ezisisiseko kufikelelwa kuzo ngummi ngamnye woMzantsi Afrika.
Phakathi kwezinye izinto, iCandelo eliLawula ukuThumela iPosi yimfanelo yalo:-
Ukusebenza ngezikhalazo ezivela kubaxhasi ezimalunga nabasebenzi bezokuthumela.
Ukuqinisekisa ukuba abasebenzi bezokuthumela babambelele kwimimiselo yomThetho, ngokunjalo neemeko kunye nemigqaliselo yeziqinisekiso zemvume nezokubhalisa
UMBONO
Ukwakha umlawuli obonakalayo kwicandelo kwaye osebenza ngendlela engafihliyo, onesitafu esiphuhlisiweyo kunye nesiqeqeshiweyo esinako ukwenza izigqibo ezinobulunga.
Ukulawula ngokufanelekileyo imithetho nemimiselo ngokunjalo nokufaka isandla kuphuhliso lomgaqo-nkqubo oya kwakha okusingqongileyo okufanelekileyo kuphuhliso lweenkonzo zokuthumela.
EJOLISE KUKO
Ukuba libe ngumlawuli ozimeleyo, onobuchule kwaye othembekileyo, ofikelelekayo kubaxhasi bakhe kwaye obasebenzela ngendlela efanelekileyo nenobulungisa.
Lifake isandla kwimpumelelo yezenzo zeenqobo ezisesikweni kwinkonzo yokuthumela esebenzayo neyoneleyo elungisa iimfuno zawo onke amacandelo abantu.
IINJONGO
Ukulawula iinkonzo zokuthumela ezigciniweyo nezingagcinwanga.
Ukuqinisekisa ukungqinelana ngeemeko zemvume nobhaliso.
Ukunyusa umdla wabasebenzisi bezokuthumela ngokuphathelene neendleko, ukuqhubeka kunye nobulunga beenkonzo.
Ukunyusa iinkonzo zelizwe lonke okuya kuqinisekisa ufikelelo olulinganayo kubo bonke abemi.
iSebe lezoNxibelelwano
INombolo yomNxeba 012 427 8000
iFeksi: 012 427 8536/7
